Language Index

Izibhalo Ezingcwele




kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo; KwabaseRoma 3:23

Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu. KwabaseRoma 6:23

Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo; akuphumi misebenzini, Kwabase-Efese 2:8-9

Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni. ULuka 18:13

Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade. Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; wamthuma ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye. UYohane 3:16-17

Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala. KwabaseKorinte I 10:13

Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nantozizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu. KwabaseRoma 8:38-39

Kuba intsingiselo yomthetho nguKristu, ukuze abe bubulungisa kubo bonke abakholwayo. KwabaseRoma 10:4

kuba uthi, Ndakúva ngexesha elamkelekileyo, Ndakúsiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso: KwabaseKorinte II 6:2

Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile, Madoda, bazalwana, sithini na? Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. Izenzo 2:37-38

nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso. Kwabase-Efese 4:24


KwabaseRoma

kuba akukho kwahluka; kuba bonile bonke, basilelela eluzukweni lukaThixo; KwabaseRoma 3:23

njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye; KwabaseRoma 3:10

Kuba umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade, kuKristu Yesu iNkosi yethu. KwabaseRoma 6:23

Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo; KwabaseRoma 5:12

Kuba uKristu uthe, sakubon' ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo. KwabaseRoma 5:6

ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele. KwabaseRoma 5:8

owamiswayo ukuba unguNyana kaThixo, enamandla, ngokomoya wobungcwele, ngokuvuka kwabafileyo, uYesu Kristu ke, iNkosi yethu; KwabaseRoma 1:4

sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi. KwabaseRoma 6:9

Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. KwabaseRoma 10:9

Kuba bonke abasukuba belinqula igama leNkosi bosindiswa. KwabaseRoma 10:13

Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nantozizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu. KwabaseRoma 8:38-39


Bawo wethu osemazulwini

Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen. UMateyu 6:9-13


Indumiso 23

UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho. Wénza ukuba mandibuthe emakriweni aluhlaza; Úndithundezela emanzini angawokuphumla. Úyawubuyisa umphefumlo wam; Úndikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe. Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lukufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba ùnam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela. Ùndilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam, Ùyithambisa ngeoli intloko yam, Indebe yam iyaphalala. Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba Yonke imihla yobomi bam, Ndihlale endlwini kaYehova Imihla emide.


Ukuzalwa kukaYesu Kristu

Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo. Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon' ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya. Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi. Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe; esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe. Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale. Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babenganandawo endlwini yabahambi. Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. Isithunywa eso sathi kubo, Musani unoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu; ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi. Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo ezqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali. Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi, Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. Kwathi ke, zakumba kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi. Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali. Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana. Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo. uLuka 2:1-20

Copyright © Bible Society of South Africa 1975

Busuku obungewele
Diatheke Insta-Interlinear Bible
Eyeziqalo 1-3


Language index